Kungenzeka ntoni ukuba uthe wenza I abortion ngeepilisi emva kweeveki eziliShumi zokuqala?

 

Ukuba sele udlule kwiinyanga eziliShumi ukhulelwe kwaye wenze i-abortion ngokwezonyango, amayeza asezoqhubeka asebenze kwaye enze siphume isisu. Kodwa, kungadingeka ukuba uphinda phinde ukusela iipilisi ze-abortion. Mkhulu umngcipheko wokuba izinto zingahambi kakuhle kwaye kungenzeka ukuba udinge ukufumana unyango olusuka kugqirha ukugqibezela ukukhupha isisu. Ngoko ke kucetyiswa ukuba emveni kweeveki eziliShumi iipilisi kumele zityelwe e clinic okanye esibhedlele.

Kumele uyazi ukuba uzophulukana negazi elininzi kunye namahlwilwi, kodwa nomntwana (ubungakanani bakhe buxhomekeke kwisigaba okuso ekukhulelweni kwakho) unothi abonakale. Ukuba awunazo ezinye iindlela, ukukhupha isisu ngokwezonyango sekukudala ukhulelwe kuphephile kunezinya iindlela zokukhupha isisu, njengokuzifaka isixhobo esibukhali ngaphantsi, ukusela amachiza anetyhefu njenge bleach, ukuzibetha esiswini. Ungaze usebenzise ezindlela zinobungozi!    

Xaselele kukudala ukhulelwe ayanda amathuba okuba i-abortion ingagqibeki kwaye namathuba okopha kakhulu emva kokuthatha iipilisi ze abortion ayanda. Ixhaphakile into yoba kudingeke ukuba kwenziwe uqhaqho lokugutyulula isibeleko okanye unikwe amayeza okugqibezela ukukhupha isisu.