Yintoni I ectopic pregnancy kwaye ungazazi njani ukuba unayo?

I-ectopic pregnancy kukukhulelwa okungaqhelekanga okuhluma apha ngaphandle kwesibeleko, iqhele ukuhluma kwithumbu elibizwa ngoba yi-fallopian tube. Oluhlobo lokukhulelwa luyingozi ngoba ukuba luthe lwahluma kakhulu lingagqabhuza ithumbu. Lingancedwa ngokuthi kweziwe uqhaqho okanye linyangwe ngamayeza.
Ukuba uneentlungu ezingapheliyo kwicala elinye lamazantsi esisu kumele wenze I ultrasound uqinisekise ukuba akubangelwa yi-ectopic pregnancy. Ukuba uyaqhubekeka ukuva iintlungu esiswini okanye emqolo okanye egxeni kwaye uziva ngathi ungawa kusenokwenzeka ukuba une- ectopic pregnancy kwaye sele igqabhukile ngoko umele uleqe esibhedlele ngokukhawuleza.
Ukuthatha iipilisi zokukhupha isisu akunokuchaphazela ukukhulelwa okusethunjini njengoko lwenzeka ecaleni kwesibeleko kodwa awuzukopha njengoko kulindelekile xa uthatha ezipilisi.