Kutheni kungamelanga ukuba ube wedwa xa usenza I abortion ngeepilisi kwaye kungenzeka ntoni ukuba uthe waqhubekeka wayenza?

Ukuba uva iintlungu ezininzi ezingaqhelekanga (ingqaqambo ezingapheli, ukopha, amahlaba, umkhuhlane, isiyezi, ukugabha notyatyazo) kumele kubekho umntu ecaleni kwakho ozawuthi akwazi ukukufunela uncedo nonyango oludingayo.