Ndidinga iipilisi zokukhupha isisu

Ingaba ukhulelwe kodwa awufuni ukumgcina umntwana? Lenkonzo yokukhupha isisu ekwi-intanethi ikunceda ukuba ufumane iipilisi ezikhuselekileyo zokukhupha isisu.

Ezinkcukacha zilapha zikunceda ukwazi ukuqhakamshelana nogqirha osemthethweni ozawuthi ajonge iinkcukacha zakho abone ukuba ingaba kukhuselekile na uba ukwazi ukukhupha isisu. Emveni koba nigqibile ukubonisana uzokuvavanywa apho umongikazi lowo okuvavanyileyo ezokunuka iipilisi zokukhupha isisu. Iinkcukacha zokuba mawenze njani xa ukhupha isisu uzozithunyelelwa ngomxeba.

Iipilisi zokukhupha isisu azinabungozi xa uzinikwe ekuqaleni kokukhulelwa kwakho/okanye xa zisephantsi iinyanga zakho kwaye azinawukuthi zibangele uba ungaze ukwazi ukuphinda ukhulelwe.

Ungasikhupha isisu ngee pilisi ekhaya: 

  • Xa ungaphantsi kweeveki ezilithoba ukhulelwe
  • Unganazigulo zinobuzaza
  • Uhlala kumgama ongangeyure nesibhedlele okanye i-clinic
  • Unomntu okufuphi kuwe xa ukhupha isisu

Yayiloluphi usuku lokuqala ukugqibela kwakho ukuya exesheni?

Namhlanje uneentsuku eziy  ukhulelwe ( iiveki eziy  Kunye neentsuku eziy).

 Ukukhupha isisu ngokwezonyango kwenzeka kakuhle ukuba amayeza uwathathe kwangethuba iinyanga zakho zisephantsi ekukhulelweni kwakho kwaye kwenzeka kakuhle ukuyotsho kwiintsuku iziy70 (iiveki ezilishumi) ukhulelwe.