Khetha indlela yokucwangcisa inzala

Khetha indlela yocwangciso nzala ekulungeleyo kwaye ezokukhusela ukuba ungakhulelwa ungekafuni. Funda ukuba londlela isebenza njani, ungayisibenzisa njani kwaye yeyiphi imiphumela ebimi enothi ibenayo.

Intlanganisela yeepilisi oyiselayo ebizwa Combined Oral Contraceptive (COC)

 

I COC yipilisi eyenziwe ngokudibanisa ii hormones ezimbini (I estrogen kunye ne progesterone). Uthatha ibenye ngelanga ntsukuzonke.

Awumelanga kuyisela le pilisi xa ungumntu okhathazwa yintloko eqaqambayo engapheliyo, i-thrombosis/amahlwili emlenzeni okanye kumaphaphu akho, isifo sesibindi esibi, isifo seswekile esinzulu, umhlaza webele, isifo sokuxhuzula, isifo sentliziyo okanye i-stroke. Okanye enentlanganisela yezi zimbini: ungumntu otshayayo uneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu ubudala kwaye utyebile emzimbeni, unoxinzelelo lwegazi okanye unesifo se swekile


Uthatha I COC ntsuku zonke. Ithintela ukukhulelwa ngokuthi inqande I ovulation kodwa uzoqhubeka usiya exesheni nyanga zonke. Iziphumo ezibi ingakukutshintsha tshintsha kweemvakalelo, intloko eqaqambayo, isicaphucaphu, ukutyeba emzimbeni, ukuthamba kwamabele. Konke oko kuyadlula nje kwisithuba seenyanga ezimbala.

Hormonal contraceptives akumelanga uzisebenzise ukuba wakhe wanayo okanye unayo enye yezi zilandelayo.

  1. Intloko eqaqamba kakhulu ephazamisana neemvakalelo
  2. Ihlwili elisemlenzeni okanye kwiphaphu lomzimba
  3. Isifo sesibindi esibi (i-acute viral hepatitis; isifo sokuqina kwesibindi; umhlaza wesibindi) 
  4. isifo seswekile esinzulu
  5. Umhlaza webele 
  6. isifo sokuxhuzula
  7. Ukungahambi kakuhle kwegazi elimele ukuya entliziyweni
  8. Xa usandokuzala ungekagqibi iintsuku eziy21
  9. Inkqubo ye-lupus erythematosus ene-antiphospholipid antibodies


Akufuneki usebenzise indlela yokuthintela inzala ngomlomo ukuba udibanise ezimbini kwezi zilandelayo:

  1. Ingaba ungaphezu kweminyaka ey35 ubudala
  2. Ingaba utshaya ngaphezu kwe15 yee-cigarettes ngosuku.
  3. Unesifo seswekile
  4. Unoxinzelelo lwegazi
  5. Utyebile kakhulu emzimbeni


Ukusetyenziswa kwala mayeza alandelayo kungenza ukuba ipilisi yokuthintela ukukhulelwa ingasebenzi kakuhle: Amayeza e-Epilepsy (phenytoin, carbamazepine, barbiturates, primidone, topiramate, oxcarbazepine, Lamotrigine) kunye ne antibiotic Rifampicin.

Ukuba ufuna i-COC xelela umongikazi okuvavanyayo ukuba uzikhethele yona.


Fumana i-IUD (isixhobo se-intrauterine)

 

I-IUD (loop) sisixhobo esincinci esenziwe safana nonobumba u-T esifakwa kwisibeleko sakho ngugqirha okanye umongikazi. Ungayisebenzisa iminyaka emihlanu okanye uyikhuphe xa ufuna ukukhulelwa. I-IUD yenye yeendlela ezikhuselekileyo kwaye ayinazi hormones kuyo.

I-IUD ifakwa ngugqirha okanye ngumongikazi, xa ifakiwe awuyi kuyiva. Le-IUD inecala elenziwe nge copper eyenza kube nzima ukuba ubudoda kunye neqanda zinamathelane okanye zihlangane nesibeleko. Ingahlala apho iminyaka emihlanu okanye ungayisusa ngaphambi koko. Uyaya exesheni njengesiqhelo xa une-IUD.


Akufanelanga ufakwe i-IUD ukuba unezi zinto zilandelayo:

  1. Unesigulo esosulela ngokwabelana ngesondo ongakhange usinyange (i-HIV asiyongxaki)
  2. Ukopha okungacacisekiyo kwilungu lobufazi
  3. Ukopha ngamandla okanye ukuqaqanjelwa kakhulu xa usiya exesheni


Ngamanye amaxesha amabhinqa amaninzi aba neentlungu ezininzi kunye nokopha kakhulu xabeya exesheni bene-IUD. Oku kuye kuthomalale emva kwexesha elithile.

Ukuba ufuna i- IUD xelela umongikazi okuvavanyayo ukuba uzikhethele yona.

 

Ipilisi yokuthintela ukukhulelwa ngokungxamisekileyo

 

Ukuba usela ipilisi yokuthintela ukukhulelwa ngokungxamisekileyo (emergency contraceptive) okanye lesithi iselwa kusuku olulandelayo “Morning after pill” Kwiintsuku ezintathu emveni kokwabelana ngesondo okungakhuselekanga oko kuthintela ukukhulelwa. Uthatha ipilisi kube kanye kwaye unokuyithenga le pilisi kwiikhemesti.


Ipilisi yokuthintela ukukhulelwa ngokukhawuleza ithintela ukukhulelwa ngokuyekisa i-ovulation. Ungayisebenzisa ngoko nangoko ukuya kuthi ga kwiintsuku ezintlanu emva kwesondo, kungangcono ukhawulezise.

Lepilisi iselwa ngosuku olundela olo lokwabelana ngesondo okungakhuselekanga (morning after pill) yenza ukuba anciphe amathuba okuba ukhulelwe. Kodwa ayisebenzi njengocwangciso nzala oluqhelekileyo.

Iziphumo ezixhaphakileyo zepilisi eselwa ngosuku olundela olo lokwabelana ngesondo okungakhuselekanga (morning after pill) zezi: isicaphucaphu, , intloko ebuhlungu, amabele abuhlungu kunye nokopha ngaphambi kwethuba ekumele yengalo exesheni.

 


The progestin-only pill (POP) Ipilisi ikuthiwa yi-progestin-only pill (i-POP)


I-POP yipilisi ene-hormone enye kuphela kwaye uyithatha yonke imihla.

I-POP iqulethe i-hormone enye (iprogesterone). Ikhusela ukukhulelwa ngokuyekisa ubudoda ukuba bungangeni esibelekweni nangokunciphisa udonga lwesibeleko ukuze kungakwazeki ukukhulelwa. Ezona ziphumo zingaqhelekanga kukopha okungaqhelekanga nokumane kuchaphaza igazi kancinci-kancinci, ukutyeba emzimbeni, ukuguquka kwemvakalelo, ukulahleka komnqweno wesondo. Uninzi lwezi ziphumo ebezingalindelekanga ziye zinciphe ekuhambeni kwexesha. Abanye abantu basetyhini baya exesheni xa bethatha i-POP, abanye baya ngokungaqhelekanga exesheni kwaye abanye abayi exesheni kwaphela.

Akufuneki uthathe i-POP ukuba unezi zinto zilandelayo:

  • Ukopha okungacacisekiyo kwilungu lobufazi
  • Isifo esiqhubekekayo sesibindi 
  • Isifo esiqhubekekayo esingumhlaza webele


Ukuba ufuna i- POP xelela umongikazi okuvavanyayo ukuba uzikhethele yona.

 

I-implant

 

I implant yintonga encinci efakwa phantsi kwesikhumba ngaphakathi kwengalo yakho apha ngentla, ifakwa ngugqirha okanye umongikazi. I implant yenye yeendlela ezikhuselekileyo kwaye zingasetyenziswa ukuya kwiminyaka emithathu.
To read more press start ukufunda banzi cofa u “Qalisa"

I implant ibubude obuyi-3 cm. Ugqirha okanye umongikazi uyifaka ngaphakathi kolusu lwakho ngaphakathi kwengalo yakho apha ngentla. Ine hormone enye (iprogesterone). Ikhusela ukukhulelwa ngokunqanda ubudoda ukuba bungangeni esibelekweni nangokunciphisa udonga lwesibeleko ukuze lingafumani kukhulelwa. Abanye abantu basetyhini bayaya exesheni xa bethatha i-implant, abanye baya ngokungaqhelekanga exesheni kwaye abanye abayi exesheni kwaphela.

Ezona ziphumo zingaqhelekanga kukopha okungaqhelekanga nokumane kuchaphaza igazi kancinci-kancinci, ukutyeba emzimbeni, ukuguquka kwemvakalelo, ukulahleka komnqweno wesondo. Uninzi lwezi ziphumo ebezingalindelekanga ziye zinciphe ekuhambeni kwexesha.

 Akufuneki uyifake i-implant ukuba unezi zinto zilandelayo:

  • Ukopha okungacacisekiyo kwilungu lobufazi
  • Isifo esiqhubekekayo sesibindi
  • Isifo esiqhubekekayo esingumhlaza webele

Ukuba ufuna i- implant xelela umongikazi okuvavanyayo ukuba uzikhethele yona.


The Injectable Isitofu/inaliti

 

Isitofu/inaliti yi-hormone (i progesterone) ujovwa ngumongikazi okanye ugqirha rhoqo kwiinyanga ezi-mbini ukuya kwezintathu.

Ugqirha okanye umongikazi ukuhlaba ngenaliti engalweni okanye entsuleni qho kwiinyanga ezimbini ukuya kwezintathu. Ine hormone enye (iprogesterone). Ikhusela ukukhulelwa ngokuphelisa i-ovulation, ngokunqanda ubudoda ukuba bungangeni esibelekweni nangokunciphisa udonga lwesibeleko ukuze lingafumani kukhulelwa. Abanye abantu basetyhini bayaya exesheni xa besebenzisa i-naliti, abanye baya ngokungaqhelekanga exesheni kwaye abanye abayi exesheni kwaphela.

Sitofu siqulethe ii-hormones ezifanayo nepilisi ye-progestin, ne-implant, kodwa ikumlinganiselo ophezulu owenza ukuba iziphumo ebezingalindelekanga zixhaphake ngakumbi kwaye zenzeke ngamandla. Ezona ziphumo zibi ibayintloko ebuhlungu, ukuxhwitheka kweenwele, ukubila, ukopha okungaqhelekanga, uxinzelelo lwengqondo, ukuqina, ukutyeba emzimbeni, ukutshintsha tshintsha kwemvakalelo, ukuphulukana nomnqweno wesondo, kunye nelahleko yokuxinana kwamathambo. Ezinye zezi ziphumo zibi ziye zinciphe ekuhambeni kwexesha. Emva kokumisa inaliti kungathatha ixesha elide ukuba ukwazi ukuya.

Akumelanga uhlabe lenaliti ukuba unezi zinto zilandelayo: 

  • Ukopha okungacacisekiyo kwilungu lobufazi
  • Isifo esiqhubekekayo sesibindi
  • Isifo esiqhubekekayo esingumhlaza webele

Ukuba ufuna i- naliti xelela umongikazi okuvavanyayo ukuba uzikhethele yona.